Imbalelwano Yasesidlangalaleni Ebhekiswe KuMama uWinnie Madikizela-Mandela

Kukho igama elincinci elidelekayo kodwa ligama elibaluleke kakhulu. Ngaphandle kwalo elo gama asikwazi ukuba nobuntu ngokupheleleyo: eli gama ndithetha ngalo lithi enkosi. Le mbhalelwano yeyokwenza umbulelo ongazenzisiyo kuwe ngenxaxheba yakho, nomsebenzi wakho, nokuzinikezela kwakho ngendlela engumangaliso kumsebenzi wokukhulula abantu abamnyama emakhamandeleni ocinzelelo.
Ndikhule igama lakho lisemlonyeni ekhaya. Kodwa ukubaluleka kwakho nomsebenzi wakho ndakuqaphela mhla ndabuya esikolweni ndafika umama ethe ntsho kumabonakude ebukele iTRC (Truth and Reconciliation Commission): imini yakho yokutshutshiswa. Kwakunzima nokuthetha ndlela le umama wayemamele ngayo. Ngalo mini ndayiqonda ukuba ukhona undonakele kweli lizwe. Yaye oku kuye kwagxininiswa mhla ndibukele umboniso bhanya-bhanya ngobomi bakho.
Ndibamba ngazo zoz'bini ngokuzidina kwakho emva kwale minyaka ingaka wasibalisela elakho icala. Ndibukele ngomdla yaye ndayiqonda ukuba ngaphandle komboniso bhanya-bhanya obonisa ubomi bakho bendingasoze ndizibuze imibuzo ngembali yeANC kwakunye nendlalifa kaTat'Mandela.
Ingqondo yam isisiphithiphithi yimibuzo eyelele kwimibuzo kaSisonke Msimang kwisincoko sakhe malunga noxanduva lwamadoda kwimbali yelilizwe. Ingaba zingaphi na ezinye izinto abazifihlileyo ukuze babonakale ingathi ngabo bodwa abadlala indiba kwinkululeko yelilizwe? Xa ndifunda ngoqhanqalazo looMama ngomnyaka1956 ndifumanise ukuba uMam'Ruth Momphati ubhale elithi iinkokheli zeANC zange ziwuxhase umbono wombutho woomama ngokupheleleyo mhla belungiselela umhla ka9 kweyeThupha 1956. Kwanyanzeleka kungenelele uTat'Walter Sisulu. Ikhona neminye imizekelo apho sibona ukuzimisela kwamadoda ekuchaseni izigqibo zabantu ababhinqilelyo. Kodwa wena khange uvume ukuba ngulala gusha sikuchebe wabo. Khange uvume ukuba yilento ifunwa ngabo. Khange ubavumele ukuba badlale ngegama lakho.
Khange ndikwazi ungayiqapheli into yokuba, kwelibali lakho, bayebanqongophala abantu abamnyama abekhethiweyo ukuba babenodliwano-ndlebe malunga nobomi bakho. Ingaba khange bafune ngenxa yobungozi bokuzinamathisela kumntu oyewenziwa utshaba lwenkululeko ngamabhulu kunye nabo beANC? Ngaphandle kokaDali Mpofu kunye nentombi yakho, ebeyedwa usisi omnyama oye wavela kanye. Ngelivakale njani eli bali ukuba ngaba umlawuli webali ebengomnye wabalawuli abaziwayo apha eMzantsi Afrika, ikwaye ingobhinqileyo, omnyama?
Kodwa ke lemibuzo yintwana xa ndicinga ngomsebenzi wokudibanisa ibali lakho elivela kuwe ngqo ngomsebenzi wakho. Iimbali yelilizwe kunye neAfrika isibonisa ukuba kulula ukungahoyeki kwelizwi lwabo basetyhini. Imisibenzi yethu ikhaphukhaphu kulamadoda sisebenza nawo. Kodwa ke, oku sekwayeka ukundothusa. Kucacile ukuba xa indoda emnyama kufuneka ikhethe phakathi komntu obhinqileyo nendoda, kukhethwa indoda. Yaye nalapha kwabanye oomama kunjalo: umbutho woomama beANC wakhetha uMongameli uZuma kwityala lakhe lokudlwengula uFezekile Ntsunkela. Lo ngumnqa ondikhathaza kakhulu. Ingaba yintoni le ithi masiphakamise amadoda kwezopolitiko ukuze oomama banhyashelwe phantsi?
Ibali lakho liye laphendula umbuzo ebendikade ndizibuza: yintoni le yenze ukuba singakuboni usebenza kwezopolitiko kuloMzantsi Afrika omtsha? Kucacile ukuba mhla kwaqulunqwa ikamva yaleRainbow Nation, igama lakho zange libhalwe. Esisigqibo (ekubonakala ukuba yayisisigqibo samabhulu) lisenze ukuba sibengamahlwempu angenawo umbono kuloMzantsi Afrika omtsha. Kodwa ke, kuyabonakala ukuba nexesha lokuphumla belikufanele.
Eli bali lakho liyisusile inkwethu emehleweni am. Ingakumbi kwabo bebemthathele phezulu uTat'Mandela. Kunyazelekile sijonge ubomi bakhe ndawonye nobomi bakho xa sizibuza imibuzo ngembali yelilizwe. Ibali lakho lisibonisa ukunyaniseka yentetho ethi amehlo awaphakelani.
Ibali lakho lindikhumbuza ukuba umsebenzi woomama ubalulekile. Ibali lakho lindenza ndizidle ngokuba ngumfazi yaye ndiqiniseke ngezigqibo endizithathileyo ngobomi bam. Ibali lakho lindikhumbuza ukubaluleka bokungathuli xa sibona ilizwe limaxongo. Ibali lakho lindikhumbuza amazwi kaNontsizi Mgqwetho: asinakuthula umhlaba ubolile.
Soze sikulibale, qhawe lamaqhawe.
Mayibuye iAfrika!
Ndiqale ndayipapasha ku: http://www.huffingtonpost.co.za/athambile-masola/imbalelwano-yasesidlangalaleni-ebhekiswe-kumama-uwinnie-madikize_a_22139206/

Comments

"Kucacile ukuba xa indoda emnyama kufuneka ikhethe phakathi komntu obhinqileyo nendoda, kukhethwa indoda." Isende lendhlela kufuneka siyihambile ukuze sizuze inkululeko.

Popular Posts